DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Juni 2020)

2020 Juni 30, Lwesibini

Ewe kambe, unqulo luyamtyebisa umntu ukuba uyaneliswa zezo zinto anazo.

2020 Juni 29, Mvulo

Ndiyanixelela ukuba ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo ezulwini nangomoni omnye oguqukayo kunamashumi alithoba anethoba lamalungisa angaswelanga nguquko.

2020 Juni 28, Cawe

Kum ziluyolo izithethe zakho;
zingaphezu kwabo bonke ubutyebi.

2020 Juni 27, Mgqibelo

UThixo wayewayeke ngabom loo maxesha apho abantu babengazi. Kungokunje uyalela abantu bonke, ezindaweni zonke, ukuba baguquke ezindleleni zabo ezimbi.

2020 Juni 26, Lwesihlanu

Ngoko ke xhobani ngezikrweqe zikaThixo, ukuze nibe nako ukuxhathisa xa kunyembelekile, nize nifeze konke nimile ngxishi.

2020 Juni 25, Lwesine

Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfuneni aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.

2020 Juni 24, Lwesithathu

Nabu ke obo bungqina: bukukuba uThixo usinike ubomi obungenasiphelo, bomi obo sibuzuza ngokumanywa noNyana.

2020 Juni 23, Lwesibini

Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.

2020 Juni 22, Mvulo

Ngamathuba obumnandi yonwaba;
ngemihla yobubi qonda kakuhle ukuba kwale njengaleya yenziwe nguThixo.
Ngoko ke akukho mntu uyaziyo into eza kwenzeka kamva.

2020 Juni 21, Cawe

Makadunyiswe uThixo uBawo wethu ngonaphakade kanaphakade! Amen.

2020 Juni 20, Mgqibelo

Eli lilizwi likaNdikhoyo kuZerubhabheli: ‘Akungabukroti, kungengawo namandla, kodwa kungoMoya wam kuphela,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.

2020 Juni 19, Lwesihlanu

Ithemba lelungisa liza novuyo;
ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni.

2020 Juni 18, Lwesine

Iintakana ezincinci azithengiswa zibe ntlanu na ngeesenti ezimbini? Kanti akukho nanye kuzo elityelweyo nguThixo. Kwaneenwele ezi zeentloko zenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentakana ezininzi nina.

2020 Juni 17, Lwesithathu

Kuba othe wafuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo, kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.

2020 Juni 16, Lwesibini

Wathetha nje ngelizwi, akho amazulu,
wadala ilanga, inyanga, noozinkwenkwezi.

2020 Juni 15, Mvulo

Musani ukuzilinganisa nizifanise nabantu abangakholwayo, kuba àyenziwa loo nto. Ingádibana njani into elungileyo nengalunganga? Kungahlala njani ukukhanya ndawonye nobumnyama?

2020 Juni 14, Cawe

Ikho indawo kowethu. Ukuba bekungenjalo ngendingàtsho ukuthi ndiya kunilungiselela indawo.

2020 Juni 13, Mgqibelo

Musa ukujika-jika uye ngasekunene nangasekhohlo;
unyawo lwakho malubucezele ububi.

2020 Juni 12, Lwesihlanu

Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.

2020 Juni 11, Lwesine

Noda niguge nibe ziingwevu
mna ndisengulowo unixhasayo.
Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha;
ewe, ndonigcina ndinihlangule.

2020 Juni 10, Lwesithathu

Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakho
ndaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo.

2020 Juni 9, Lwesibini

Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’”

2020 Juni 8, Mvulo

Ke kaloku ibandla kulo lonke elakwaJuda naseGalili naseSamariya lazola, kungekho ntshutshiso. Laba nenkqubela, lakhula nangamanani, limhlonela uThixo, likhuthazwa nguMoya oyiNgcwele.

2020 Juni 7, Cawe

Mbonge uNdikhoyo, moya wam!
Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke!

2020 Juni 6, Mgqibelo

Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungisa.

2020 Juni 5, Lwesihlanu

Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.

2020 Juni 4, Lwesine

Umnyangi wabantliziyo zenzakeleyo,
ewe, umbophi wamanxeba abo.

2020 Juni 3, Lwesithathu

Bayale abantu abanobutyebi beli hlabathi bangaziphakamisi baqamele ngento engaqinisekanga njengemali, koko mabathembele kuThixo, kuba yena unezinwe, unako ukusenza sixhamle zonke izinto sonwabile.

2020 Juni 2, Lwesibini

Zingisani ukuthandaza, niphaphile, ninombulelo kuThixo.

2020 Juni 1, Mvulo

Abazukulwana libhongo lookhokho,
kanti ke igugu labantwana ngabazali.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela