DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Julayi 2020)

2020 Julayi 31, Lwesihlanu

Kungcono abasebenzi babe babini kunokuba abe mnye, kuba baba nengeniso eyiyo ngomsebenzi wabo.

2020 Julayi 30, Lwesine

Kuba indalo iphela ilangazelela ukuba uThixo ade abaveze oonyana bakhe.

2020 Julayi 29, Lwesithathu

Ondele kubo, uYesu wathi: “Kubantu oku akunakwenzeka, kodwa kuThixo akunakungenzeki, kuba zonke izinto zinokwenzeka kuThixo.”

2020 Julayi 28, Lwesibini

Sifundise ukuyiqingqa imihla yethu,
ukuze sizuze ubulumko.

2020 Julayi 27, Mvulo

Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele.

2020 Julayi 26, Cawe

Ukuba umntu uyayonakalisa indlu kaThixo, uThixo uya kumohlwaya, kuba indlu kaThixo ingcwele – nina ke niyiloo ndlu.

2020 Julayi 25, Mgqibelo

Ubutyebi obufumaneka bumini buphuncuka lula;
obufumaneka ngendlela ecothayo buya busanda ngokwanda.

2020 Julayi 24, Lwesihlanu

Kaloku, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.

2020 Julayi 23, Lwesine

Nayiphi na into eniyenzayo yenzeni ngomxhelo ngokungathi niyenzela iNkosi, aniyenzeli bantu. Ze nikhumbule ukuba iNkosi iya kunivuza ngelifa eligcinele abantu bayo. Kaloku uKrestu yeyona Nkosi nikhonza yona.

2020 Julayi 22, Lwesithathu

Nokuba ndingade ndingqongwe ngumkhosi,
andiyi kuba naluvalo konke.
Nokuba ndirhawulwe yimfazwe,
ndiya kuthembela ngoNdikhoyo.

2020 Julayi 21, Lwesibini

Musani ukugweba; nani ke aniyi kugwetywa nguThixo. Musani ukugxeka; nani ke aniyi kugxekwa nguThixo. Xolelani; nani ke niya kuxolelwa nguThixo.

2020 Julayi 20, Mvulo

Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho; ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.

2020 Julayi 19, Cawe

Ngoko ke ligxothe ixhala entliziyweni yakho,
ukuphephe okunokwenzakalisa umzimba wakho.
Kaloku ubutsha namandla awo ngamampunge.

2020 Julayi 18, Mgqibelo

Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.

2020 Julayi 17, Lwesihlanu

Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile. Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade. Ke wena ngaba uyakholwa koku?”

2020 Julayi 16, Lwesine

Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,
uhlala esemthunzini kaSomandla.
Yena uya kuthi: “Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;
uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”

2020 Julayi 15, Lwesithathu

Banoyolo abo bantliziyo ihlambulukileyo, kuba baya kumbona uThixo bona!

2020 Julayi 14, Lwesibini

Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye.

2020 Julayi 13, Mvulo

Uzungandibandezeli inceba yakho, Ndikhoyo;
ndilondoloze ngenceba nenyaniso.

2020 Julayi 12, Cawe

Olu khanyiso lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo.

2020 Julayi 11, Mgqibelo

Njengoko ukufa kweza ngomntu, ngokukwanjalo novuko lwabafileyo luza kwangomntu.

2020 Julayi 10, Lwesihlanu

Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;
sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni.

2020 Julayi 9, Lwesine

Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva kwalowo mnye unguAdam, abaninzi bafumaneka bengaboni, ngokunjalo kuya kuthi nangokuthobela kwalowo mnye unguKrestu, abaninzi benziwe amalungisa.

2020 Julayi 8, Lwesithathu

Ke kuni, nina balihlonelayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma linempilo emaphikweni alo. Niya kukhululeka nidlobe njengamankonyana ephuma esibayeni.

2020 Julayi 7, Lwesibini

Ndohlala ndimbonga uNdikhoyo;
andisayi kuyeka ukumdumisa.

2020 Julayi 6, Mvulo

Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo esibubungcwele. Le nto ke ikhokelela ebomini obungunaphakade.

2020 Julayi 5, Cawe

Kambe ke mna ndijonge kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.
UThixo wam yena uya kundiva.

2020 Julayi 4, Mgqibelo

Umntu onesidima uyasicezela isiphithi-phithi;
kanti ke sona isiyatha siyathanda ukuphemba uqhushululu.

2020 Julayi 3, Lwesihlanu

Khanifunde ukwenza okusesikweni;
zonke izinto zenzeni ngokomthetho.
Khaninyenyise ngakubantu abacinezelekileyo;
kanti neenkedama zilungiseleleni;
ngokunjalo nimbonelele nomhlolokazi.

2020 Julayi 2, Lwesine

Bathi bebonke bavume bengafihlisi
ukuba uYesu Krestu yiNkosi,
bebonakalisa ubungangamsha bukaThixo onguBawo.

2020 Julayi 1, Lwesithathu

UNdikhoyo ulilungisa ngeendlela zonke,
unobubele kuko konke akwenzayo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela