DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Okthoba 2024)

2024 Okthoba 31, Lwesine

Zonwabise ngokululamela uNdikhoyo;
wokunika umnqweno wentliziyo yakho.

2024 Okthoba 30, Lwesithathu

Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto.

2024 Okthoba 29, Lwesibini

Kaloku yena uNyana woLuntu wezela ukufuna kwanokusindisa abantu abalahlekileyo.

2024 Okthoba 28, Mvulo

Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!
Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

2024 Okthoba 27, Cawe

‘Buyelani kum,’ nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamadla onke, ‘nam ke ndobuyela kuni,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.

2024 Okthoba 25, Lwesihlanu

Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;
ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.

2024 Okthoba 24, Lwesine

Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.

2024 Okthoba 23, Lwesithathu

Naxa nithandazayo, ukuba ninendawo ngakubani, mxoleleni, ukuze noYihlo osezulwini anixolele iziphoso zenu.

2024 Okthoba 22, Lwesibini

Ikratshi lomntu lilandelwa yintshabalalo;
ke lona udumo lukhokelwa yintobeko.

2024 Okthoba 21, Mvulo

Nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke.

2024 Okthoba 20, Cawe

Kaloku nokuba sidla ubomi, siphilela iNkosi, nokuba siyafa, sifela iNkosi. Ngoko ke nokuba sidla ubomi, nokuba siyafa, singabeNkosi.

2024 Okthoba 19, Mgqibelo

Hay' inyhweba yomntu omthobelayo uNdikhoyo,
ohamba ngokwemimiselo yakhe.

2024 Okthoba 18, Lwesihlanu

Akukho nto indonwabisa njengokuva ukuba abantwana bam bahlala bethe ngcembe enyanisweni.

2024 Okthoba 17, Lwesine

Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa kungabi nganjongo yakuphikisana nezimvo zakhe.

2024 Okthoba 16, Lwesithathu

Funani uNdikhoyo esenokufumaneka;
bhenelani kuye ngoku asekufutshane.

2024 Okthoba 15, Lwesibini

Hlalani nithandana kanye ngale ndlela wanithanda ngayo uKrestu. Yena wazincama ngenxa yenu, wazenza umnikelo nedini elivumba limnandi kuThixo.

2024 Okthoba 14, Mvulo

Niya kuthi ke nakumfuna uNdikhoyo uThixo wenu nikuloo meko nimfumane; ewe, ukuba nimfuna nimlangazelela ngomxhelo wenu wonke niya kumfumana.

2024 Okthoba 13, Cawe

Ngenene uThixo uyasithamsanqela;
ngamana lamthobela ihlabathi jikelele.

2024 Okthoba 12, Mgqibelo

Niyiphilise imilwelwe elapho, nithi kubo: ‘Luthwasile ulawulo lukaThixo!’

2024 Okthoba 11, Lwesihlanu

UYesu wayelityhutyha lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zesikhungo, evakalisa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo, ephilisa abantu kwizifo zonke nemikhuhlane yonke.

2024 Okthoba 10, Lwesine

Igama elihle lilungile ngaphezu kwentabalala yobutyebi;
ukuba nesidima kungaphezu kwayo isiliva negolide.

2024 Okthoba 9, Lwesithathu

Noko ke sanukuvuyela ukoyisa kwenu iindimoni, vuyani kuba amagama enu ebhaliwe kwaThixo.

2024 Okthoba 8, Lwesibini

Isidima nobutyebi ziphuma kuwe;
wena ungumlawuli weento zonke.
Kulapho kwezo zandla zakho ukomelela ndawonye namandla.
Xa bebonke ubanike ubukhulu namandla.

2024 Okthoba 7, Mvulo

Amazulu abalisa ngobungangamsha bukaThixo,
nesibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.
Imini ixelela imin' elandelayo,
nobusuku bubikela ubusuk' obulandelayo.

2024 Okthoba 6, Cawe

Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo.

2024 Okthoba 5, Mgqibelo

Kuba kaloku komnceda ntoni umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe?

2024 Okthoba 4, Lwesihlanu

Umntu onomonde uba nengqiqo;
kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge.

2024 Okthoba 3, Lwesine

Ukanti ke yona iNkosi uNdikhoyo ayenzi nto ingathanga ilityhile icebo layo kwizicaka zayo abashumayeli.

2024 Okthoba 2, Lwesithathu

Ze nikhumbule le ndawo ke, zihlobo zam: umhla omnye kuThixo uyafana newaka leminyaka, newaka leminyaka lifana nomhla omnye.

2024 Okthoba 1, Lwesibini

Ndiya kukuncoma, Thixo ongukumkani wam;
igama lakho ndolibonga nanini nanini.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?
NguNdikhoyo onamandla onke;
nguye uKumkani, nguye iNgangalala.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela