DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Epreli 2018)

2018 Epreli 30, Mvulo

Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’”

2018 Epreli 29, Cawe

Ke mna ndonganyelwe nguMoya woMhlekazi uNdikhoyo,
kuba kaloku uNdikhoyo undithambisile.
Undithume ukubhengeza iindaba ezimnandi kumahlwempu,
ndibophe abantliziyo zingamahlwili,
ndibhengeze ukukhululeka kwabathinjwa,
ndazise inkululeko kumabanjwa.

2018 Epreli 28, Mgqibelo

Apho kungekho kucebisana izicwangciso ziyabhanga,
kanti ke apho kukho abacebisi abaninzi ziyaphumelela.

2018 Epreli 26, Lwesine

Ke lowo uzingisa kude kube sekupheleni wosindiswa.

2018 Epreli 25, Lwesithathu

Mbonge uNdikhoyo, moya wam!
Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke!

2018 Epreli 24, Lwesibini

Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungisa.

2018 Epreli 23, Mvulo

Kambe intshutshiso yomfikela nawuphi na umKrestu ofuna ukuhlala esoyika iNkosi.

2018 Epreli 22, Cawe

Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;
kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.

2018 Epreli 21, Mgqibelo

Abantu abaninzi balwamkela olu daba, baza babhaptizwa. Baba ngamawaka amathathu abantu abongezelelwayo enanini labo.

2018 Epreli 20, Lwesihlanu

Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo, kuba nimanyene nam. Ehlabathini niya kubandezeleka; kodwa musani ukuxhalaba, kuba mna ndiloyisile ihlabathi.

2018 Epreli 19, Lwesine

Ewe, umntu xa ephiwe ubutyebi nezinye izinto eziphathekayo, aze futhi uThixo amnike inyhweba yokuzixhamla ezo zinto, kufuneka akuxhamle enombulelo ukubulaleka kwakhe – kaloku eso sisipho esivela kuThixo.

2018 Epreli 18, Lwesithathu

Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfunen' aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.

2018 Epreli 17, Lwesibini

Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho; ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.

2018 Epreli 16, Mvulo

Awu, Thixo, ndiyatarhuzisa!
Ngenxa yezibele zothando lwakho,
nobubanzi benceba yakho, nceda uzicime iziphoso zam!
Ndihlambe ndahlukane nabo bonke ububi;
ndenze ndibe nyulu, ndingabi nasono!

2018 Epreli 15, Cawe

Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane.

2018 Epreli 14, Mgqibelo

Nantoni na ke eniyenzayo, nokuba niyathetha, nokuba niyenza, yenzeleni egameni leNkosi uYesu, nibulela uThixo uYise ngayo.

2018 Epreli 13, Lwesihlanu

Yonke into ayithethayo uThixo ithembekile;
ulikhaka kwabazimela ngaye.

2018 Epreli 12, Lwesine

Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika.

2018 Epreli 11, Lwesithathu

Ndiyamcela ukuba anikhanyisele nibe nokuqonda, khon' ukuze nilazi ithemba anibizele kulo, niziqonde iintsikelelo ezingaka ezililifa lemilowo yakhe.

2018 Epreli 10, Lwesibini

Ewe, konke okushukumayo makudume kubonge uNdikhoyo!
Masidanduluke sonke sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

2018 Epreli 9, Mvulo

Ngamana yanithundeza iNkosi, nimthande uThixo, nibe nenyameko efuze ekaKrestu.

2018 Epreli 8, Cawe

UFilipu wabhekisa kuYesu, wathi: “Nkosi, khawusibonise uYihlo; kosanelisa.”

2018 Epreli 7, Mgqibelo

Into yonke uyimisele ixesha layo. Umntu yena umnike ulangazelelo lokuqonda nangamaxesha angamiselwanga. Kodwa ke umntu akafikeleli ekuyazini into eyenziwa nguThixo ukususela ekuqaleni kuye esiphelweni.

2018 Epreli 6, Lwesihlanu

Ngenxa yoko ndithi kuni, zonke izinto enizicela nithandaza, kholwani ukuba senizinikiwe; nozifumana ke.

2018 Epreli 5, Lwesine

Musani ukuhombela ukubukwa ngokuluka iinwele, nitsho ngezacholo zegolide nempahla engayiwayo. Isihombo senu masibe sesangaphakathi, esingagugiyo. Umoya omhle wobulali yinto ayixabisileyo uThixo.

2018 Epreli 4, Lwesithathu

Wena Thixo, unguThixo wam, ndithe swi nguwe.
Umphefumlo wam uyakulangazelela.
Ndihlala ndizula-zula ndikufuna;
ndinxanele wena oku komhlaba obharhileyo.

2018 Epreli 3, Lwesibini

Kodwa ke into esingayiboniyo, esithembe ukuyifumana, siyilindela ngomonde.

2018 Epreli 2, Mvulo

Ndiya kufaka uMoya wam kuni, nitsho nilulamele imimiselo yam, niyigcine ngononelelo imithetho yam.

2018 Epreli 1, Cawe

Wangena ke naloo mfundi obefike kuqala engcwabeni. Akukhangela wakholwa. Kaloku babengaliqondi ilizwi leziBhalo elithi umelwe kukuba avuke ekufeni.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela