2018 Matshi 31, Mgqibelo
Zolani nina; uNdikhoyo uza kunilwela!2018 Matshi 30, Lwesihlanu
Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.2018 Matshi 29, Lwesine
Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,utsho uNdikhoyo,
ndikufundise, ndikujonge.
2018 Matshi 28, Lwesithathu
Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.2018 Matshi 27, Lwesibini
Nina ke senihlambulukile yimfundiso endinifundise yona.2018 Matshi 26, Mvulo
Nkosi, Thixo, sithamsanqelise!Siphumelelise kuyo yonke imizamo yethu;
ewe, yiphumelelise yonke imizamo yethu.
2018 Matshi 25, Cawe
Vuya ngenene, ntombindini inguZiyon!Danduluka, wena ntombi inguJerusalem!
Khangela, ukumkani wakho uza kuwe enobulungisa, engumoyisi,
ethobekile, ekhwele idonki,
nditsho ithole, inkonyane yedonki.
2018 Matshi 24, Mgqibelo
Xa umntu one engaqondanga ngokwaphula nayiphi na imimiselo kaNdikhoyo, loo mntu unetyala, yaye uya kuluthwala olo xanduva.2018 Matshi 23, Lwesihlanu
Musa ukwala nento elungileyo konelungelo ngayo,ngakumbi xa kusemandleni akho ukumnceda.
2018 Matshi 22, Lwesine
Kanti ngaba awazi na?Ngaba zange uve na?
UNdikhoyo nguThixo onguSonini-nanini;
yena ngumdali wehlabathi jikelele.
Yena soze adinwe atyhafe,
nengqiqo yakhe ayiphengululeki.
2018 Matshi 21, Lwesithathu
Niyazi ukuba andinifihlelanga nto ebinokuba luncedo kuni, xa bendishumayela ndinifundisa esidlangalaleni nasemakhayeni enu.2018 Matshi 20, Lwesibini
Unenyhweba kambe umntu obufumeneyo ubulumko;nditsho lowo ukuzuzileyo ukuqonda.
2018 Matshi 19, Mvulo
Naku okona kuzila ndikufunayo:Zikhululeni iimbophelelo zengcinezelo;
niwanyenyise amatyathanga edyokhwe,
bakhululwe bonke abacinezelwa,
niyaphule idyokhwe yengcinezelo.
2018 Matshi 18, Cawe
Kaloku zonke izinto ziphuma kuyo iNkosi, zikho ngayo, zikholo yona. Mayidunyiswe ke iNkosi kude kube ngunaphakade! Amen.2018 Matshi 17, Mgqibelo
Makathi ntshoo phambili amehlo akho,neenkophe zamehlo akho zithi ngqo.
2018 Matshi 16, Lwesihlanu
Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.2018 Matshi 15, Lwesine
Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe, bathi bexinwe yiminqweno yobudenge eyingozi, batshone ebundlavinini nasekutshabalaleni.2018 Matshi 14, Lwesithathu
Bukwanjalo ukuyola kobulumko:ukuba uthe wabufumana lotsho liqiniseke ikamva lakho,
nethemba lakho linganqanyulwa.
2018 Matshi 13, Lwesibini
Ndiyanikhuthaza ngoko, mawethu, ngenxa yenceba kaThixo, ukuba nizinikele nina ziqu nibe lidini eliphilayo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo. Leyo ke yindlela yenu efanelekileyo yokukhonza uThixo ngengqiqo.2018 Matshi 12, Mvulo
Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.
2018 Matshi 11, Cawe
Musa ukuthi: “Bekungani ukuba imihla yamandulo ibe ngcono kunale yangoku?”Kaloku ayibubo ubulumko ukubuza umbuzo onjalo.
2018 Matshi 10, Mgqibelo
Imihla ngemihla babehlangana rhoqo endlwini kaThixo, babuye batye kunye emakhaya bechwayitile bebelezelana, bembonga uThixo, bamkelekile kubantu bonke. Mihla le uThixo wayelongeza inani labo ngabo basindiswayo.2018 Matshi 9, Lwesihlanu
Ekuqaleni, kungekadalwa, wayeselekho uLizwi. ULizwi lo wayekunye noThixo, naye ngokwakhe enguThixo.2018 Matshi 8, Lwesine
Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe.
2018 Matshi 7, Lwesithathu
Ngoko ke sazila sakhunga kuThixo wethu ngalo mbandela, waza wawuphendula umthandazo wethu.2018 Matshi 6, Lwesibini
Waza uYesu wawaphendula wathi: “Le mfundiso ndiyifundisayo asiyoyam, koko ivela kulowo undithumileyo.”2018 Matshi 5, Mvulo
Mabungabikho ubuxoki emlonyeni wakho,nentetho ekhohlisayo ibe kude lee emilebeni yakho.
2018 Matshi 4, Cawe
Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.2018 Matshi 3, Mgqibelo
Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.2018 Matshi 2, Lwesihlanu
Ndibonise indlela yakho, Ndikhoyo;ndifundise iindlela zakho.
2018 Matshi 1, Lwesine
Nawuphi na umntu ovumayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo, uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.