DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Matshi 2018)

2018 Matshi 30, Lwesihlanu

Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.

2018 Matshi 29, Lwesine

Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,
utsho uNdikhoyo,
ndikufundise, ndikujonge.

2018 Matshi 28, Lwesithathu

Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.

2018 Matshi 27, Lwesibini

Nina ke senihlambulukile yimfundiso endinifundise yona.

2018 Matshi 26, Mvulo

Nkosi, Thixo, sithamsanqelise!
Siphumelelise kuyo yonke imizamo yethu;
ewe, yiphumelelise yonke imizamo yethu.

2018 Matshi 25, Cawe

Vuya ngenene, ntombindini inguZiyon!
Danduluka, wena ntombi inguJerusalem!
Khangela, ukumkani wakho uza kuwe enobulungisa, engumoyisi,
ethobekile, ekhwele idonki,
nditsho ithole, inkonyane yedonki.

2018 Matshi 24, Mgqibelo

Xa umntu one engaqondanga ngokwaphula nayiphi na imimiselo kaNdikhoyo, loo mntu unetyala, yaye uya kuluthwala olo xanduva.

2018 Matshi 23, Lwesihlanu

Musa ukwala nento elungileyo konelungelo ngayo,
ngakumbi xa kusemandleni akho ukumnceda.

2018 Matshi 22, Lwesine

Kanti ngaba awazi na?
Ngaba zange uve na?
UNdikhoyo nguThixo onguSonini-nanini;
yena ngumdali wehlabathi jikelele.
Yena soze adinwe atyhafe,
nengqiqo yakhe ayiphengululeki.

2018 Matshi 21, Lwesithathu

Niyazi ukuba andinifihlelanga nto ebinokuba luncedo kuni, xa bendishumayela ndinifundisa esidlangalaleni nasemakhayeni enu.

2018 Matshi 20, Lwesibini

Unenyhweba kambe umntu obufumeneyo ubulumko;
nditsho lowo ukuzuzileyo ukuqonda.

2018 Matshi 19, Mvulo

Naku okona kuzila ndikufunayo:
Zikhululeni iimbophelelo zengcinezelo;
niwanyenyise amatyathanga edyokhwe,
bakhululwe bonke abacinezelwa,
niyaphule idyokhwe yengcinezelo.

2018 Matshi 18, Cawe

Kaloku zonke izinto ziphuma kuyo iNkosi, zikho ngayo, zikholo yona. Mayidunyiswe ke iNkosi kude kube ngunaphakade! Amen.

2018 Matshi 17, Mgqibelo

Makathi ntshoo phambili amehlo akho,
neenkophe zamehlo akho zithi ngqo.

2018 Matshi 16, Lwesihlanu

Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.

2018 Matshi 15, Lwesine

Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe, bathi bexinwe yiminqweno yobudenge eyingozi, batshone ebundlavinini nasekutshabalaleni.

2018 Matshi 14, Lwesithathu

Bukwanjalo ukuyola kobulumko:
ukuba uthe wabufumana lotsho liqiniseke ikamva lakho,
nethemba lakho linganqanyulwa.

2018 Matshi 13, Lwesibini

Ndiyanikhuthaza ngoko, mawethu, ngenxa yenceba kaThixo, ukuba nizinikele nina ziqu nibe lidini eliphilayo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo. Leyo ke yindlela yenu efanelekileyo yokukhonza uThixo ngengqiqo.

2018 Matshi 12, Mvulo

Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.
UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.

2018 Matshi 11, Cawe

Musa ukuthi: “Bekungani ukuba imihla yamandulo ibe ngcono kunale yangoku?”
Kaloku ayibubo ubulumko ukubuza umbuzo onjalo.

2018 Matshi 10, Mgqibelo

Imihla ngemihla babehlangana rhoqo endlwini kaThixo, babuye batye kunye emakhaya bechwayitile bebelezelana, bembonga uThixo, bamkelekile kubantu bonke. Mihla le uThixo wayelongeza inani labo ngabo basindiswayo.

2018 Matshi 9, Lwesihlanu

Ekuqaleni, kungekadalwa, wayeselekho uLizwi. ULizwi lo wayekunye noThixo, naye ngokwakhe enguThixo.

2018 Matshi 8, Lwesine

Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe.

2018 Matshi 7, Lwesithathu

Ngoko ke sazila sakhunga kuThixo wethu ngalo mbandela, waza wawuphendula umthandazo wethu.

2018 Matshi 6, Lwesibini

Waza uYesu wawaphendula wathi: “Le mfundiso ndiyifundisayo asiyoyam, koko ivela kulowo undithumileyo.”

2018 Matshi 5, Mvulo

Mabungabikho ubuxoki emlonyeni wakho,
nentetho ekhohlisayo ibe kude lee emilebeni yakho.

2018 Matshi 4, Cawe

Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.

2018 Matshi 3, Mgqibelo

Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.

2018 Matshi 2, Lwesihlanu

Ndibonise indlela yakho, Ndikhoyo;
ndifundise iindlela zakho.

2018 Matshi 1, Lwesine

Nawuphi na umntu ovumayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo, uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ngamana ke uNdikhoyo uThixo wethu waba nathi kwanjengokuba wayenabo noobawo; ngamana akangesishiyi okanye asilahle.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;
yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?
Umncedi wam nguNdikhoyo,
yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela