DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Disemba 2015)

2015 Disemba 31, Lwesine

Hayi ke bethu ubukhulu bobuhandiba bukaThixo, nobunzulu bobulumko nokwazi kwakhe! Asikuko nokuba aziphengululeki izigqibo zakhe, azilandeki iindlela zakhe!

2015 Disemba 30, Lwesithathu

Waphendula uYesu wathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Akukho namnye unokuya kuBawo engayi ngam.”

2015 Disemba 29, Lwesibini

Philisani abagulayo, nivuse abafileyo, nihlambulule abaneqhenqa, nikhuphe iindimoni. Namkelé ngesisa, ke ngoko yiphani ngesisa.

2015 Disemba 28, Mvulo

Umfazi onomtsalane angakukhohlisa, ke bona ubuhle buyatshitsha;
kuphela ngumfazi ohlonela uNdikhoyo oya kubongwa.

2015 Disemba 27, Cawe

Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,
kuba inceba yakhe ayinasiphelo.
Zihlala zintsha imihla ngemihla;
kukhulu ukuthembeka kwakhe.

2015 Disemba 26, Mgqibelo

Kuba kaloku uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini ukuze aligwebe, koko wamthuma ukuze abe nguMsindisi walo.

2015 Disemba 25, Lwesihlanu

Namhlanje, edolophini kaDavide, nizalelwe uMsindisi onguKrestu iNkosi.

2015 Disemba 24, Lwesine

Kubhetele ukuba lihlwempu elihlonela uNdikhoyo
kunokuba sisinhanha esiphethwe ngamaxhala.

2015 Disemba 23, Lwesithathu

Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;
kaloku thina silizwe ngonyana.
Nguye ke oya kulawula.
Ke yena wothiywa igama kuthiwe
nguMcebisi omangalisayo,
uThixo oligorha,
uSonini-nanini,
iTshawe loxolo.

2015 Disemba 22, Lwesibini

Yonke into inexesha layo;
umbandela ngamnye unethuba lawo apha emhlabeni.

2015 Disemba 21, Mvulo

Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo;
kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo.

2015 Disemba 20, Cawe

Ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo.

2015 Disemba 19, Mgqibelo

Ndininika zonke izityalo ezithwala iinkozo elizweni, kunye nemithi ethwala iziqhamo. Zoba kukutya kwenu ezo zinto.

2015 Disemba 18, Lwesihlanu

Ndinqwenela into enye kuphela kuNdikhoyo,
ndaye ndifuna yona kanye:
le yokuba ze ndihlale kwaNdikhoyo yonke imihla yobomi bam,
ndiqwalasele ubuhle bakhe, ndimfune endlwini yakhe.

2015 Disemba 17, Lwesine

Nditsho ndanemihlali ngenxa kaNdikhoyo;
umoya wam uyachulumacha ngoThixo wam.
Kaloku undithe wambu ngomnweba wosindiso,
ewe, yena undambathise isivatho sobulungisa,
ndatsho ndanjengomyeni eqhoqhonye intloko yakhe njengombingeleli,
ndanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bamaso.

2015 Disemba 16, Lwesithathu

Njengoko sikholwa, sígwetyelwe nguThixo, sinoxolo naye ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu.

2015 Disemba 15, Lwesibini

NguNdikhoyo yedwa uThixo;
nguye kuphela osikhuselayo.

2015 Disemba 14, Mvulo

Xa ungazifumani izinto ozifunayo, ukhetha ukubulala; okanye xa ungafezeki umnqweno wakho, uyaxabana ulwe. Kanti ke, ungazifumani nje izinto ozifunayo, kungenxa yokuba awuziceli kuThixo.

2015 Disemba 13, Cawe

Khangela, mna ndinguNdikhoyo, uThixo woluntu luphela. Akukho nanye into enokundinqabela.

2015 Disemba 12, Mgqibelo

Kufana nomgibe emntwini xa enikezele ngento kuNdikhoyo buphuthu-phuthu,
aze kamva acinge ngenye indlela ngezibhambathiso zakhe.

2015 Disemba 11, Lwesihlanu

Sonke ngabanye siyayenza impazamo amaxesha ngamaxesha. Ke yena umntu ongaphazamiyo ekuthetheni ugqibelele, uyakwazi ukuzilawula ngokupheleleyo.

2015 Disemba 10, Lwesine

Ngoko ke ukholo luvuswa ngokuvakaliswa kodaba; ke lona udaba luvakalisa uKrestu.

2015 Disemba 9, Lwesithathu

Ngenene uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;
obakhe ubukhulu abuphengululeki.

2015 Disemba 8, Lwesibini

Siyazi ukuba sihlala simanyene naye, naye uhlala emanyene nathi, kuba usinike isabelo soMoya wakhe.

2015 Disemba 7, Mvulo

Hlalani ngoxolo nabo bonke abantu. Yibani nyulu, kuba ngaphandle kobunyulu akukho mntu uya kuyibona iNkosi.

2015 Disemba 6, Cawe

Anendili amazwi aphuma emlonyeni wesilumko,
ukanti ke sona isityhakala sizitshabalalisa ngemilebe yaso.

2015 Disemba 5, Mgqibelo

Kuzo zonke izinto isiphelo sisemnyango. Ngoko ke hlalani nisezingqondweni, nikuqulele ukuthandaza.

2015 Disemba 4, Lwesihlanu

Xa nihleli nimanyene nam, nisoloko nisenza ngokwamazwi am, nocela nantoni na ke eniyifunayo, niyifumane.

2015 Disemba 3, Lwesine

Ekuthetheni kakhulu isono sidla ngokubakho,
kambe ke ozibambayo ekuthetheni unengqiqo.

2015 Disemba 2, Lwesithathu

Ngoko ke zinikeleni ngokupheleleyo kuThixo. Mchaseni uSathana azokunibaleka.

2015 Disemba 1, Lwesibini

Wathi kuye uYesu: “Uyakholwa ngoku, kuba undibonile? Hayi uyolo lwâbo bakholwa bengandibonanga!”

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela