DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Janyuwari 2017)

2017 Janyuwari 31, Lwesibini

Xa ndandisebunzimeni ndabhenela kuNdikhoyo,
waza yena wasabela wandihlangula.

2017 Janyuwari 30, Mvulo

Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo.

2017 Janyuwari 29, Cawe

IziBhalo kaloku zithi: “Lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.”

2017 Janyuwari 28, Mgqibelo

Bamele ubabonelele ngokwasemthethweni;
ncedisana nabo abahlelelekileyo nabasweleyo.

2017 Janyuwari 27, Lwesihlanu

Khumbulani le nto, zihlobo zam: Wonke ubani makakhawuleze ukuva; kodwa makangakhawulezi ukuthetha, angakhawulezi nokucaphuka.

2017 Janyuwari 26, Lwesine

Nguye owazenza idini ngenxa yethu, wasikhupha ekudeleni umthetho. Wasenza abantu bakhe abanyulu, abalangazelela ukwenza okulungileyo.

2017 Janyuwari 25, Lwesithathu

Ndibhenela kuwe, Thixo wam:
khawundigoca-goce, undiphicothe, undiqondisise;
ndivavanye uziqonde iingcamango zam!
Ndiqwalasele, hleze ndithi kanti ndiphambukile;
undikhokelele kwindlela eyeyona-yona.

2017 Janyuwari 24, Lwesibini

Zonke izinto ke enifuna ukuba abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo. Yiyo leyo ke intsingiselo yomthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo.

2017 Janyuwari 23, Mvulo

Bantwana bam, uthando lwethu malungabi lolomlomo nje kuphela, koko malube lolungahanahanisiyo, lubonakaliswa ngezenzo.

2017 Janyuwari 22, Cawe

Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,
uyayiva imithandazo yawo.

2017 Janyuwari 21, Mgqibelo

Kum uxabisekile ke kambe;
yeka elo wonga, andikuthandi ngako!
Ndincam' izizwe ngenxa yakho;
ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.

2017 Janyuwari 19, Lwesine

Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;
kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.

2017 Janyuwari 18, Lwesithathu

Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho. Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo.

2017 Janyuwari 17, Lwesibini

Ndim isango; othe wangena ngam wosindiswa. Wongena ephuma, atye anele.

2017 Janyuwari 15, Cawe

Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise izinto ezinkulu ezingenakugocagocwa, obukade ungaziqondi.

2017 Janyuwari 14, Mgqibelo

Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.

2017 Janyuwari 13, Lwesihlanu

Umntu onobugwenxa udala ingxabano;
umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo.

2017 Janyuwari 12, Lwesine

Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na?

2017 Janyuwari 11, Lwesithathu

Noko ke sanukuvuyela ukoyisa kwenu iindimoni, vuyani kuba amagama enu ebhaliwe kwaThixo.

2017 Janyuwari 10, Lwesibini

Kodwa ke mna ndiya kucula ndibonga amandla akho;
ndiya kumemelela kwasekuseni,
kuba uthando lwakho luyamangalisa.
Kaloku wena uyinqaba yam,
ungumqolomba ngomhla wembandezelo.

2017 Janyuwari 9, Mvulo

Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu.

2017 Janyuwari 8, Cawe

Ngamana ke uNdikhoyo uThixo wethu waba nathi kwanjengokuba wayenabo noobawo; ngamana akangesishiyi okanye asilahle.

2017 Janyuwari 7, Mgqibelo

Ubutyebi obufunyenwe ngobuqhophololo abuphumelelisi,
kodwa ke kona ukuziphatha kakuhle kuhlangula ekufeni.

2017 Janyuwari 6, Lwesihlanu

Ndiyanixelela ukuba ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo ezulwini nangomoni omnye oguqukayo kunamashumi alithoba anethoba lamalungisa angaswelanga nguquko.

2017 Janyuwari 5, Lwesine

Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.

2017 Janyuwari 4, Lwesithathu

Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!
Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

2017 Janyuwari 3, Lwesibini

Masingabi sagwebana ke – ndaweni yaloo nto masizimisele ukungenzi nanye into enokumkhubekisa imwise esonweni umwethu.

2017 Janyuwari 2, Mvulo

Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle.

2017 Janyuwari 1, Cawe

Aa! Bayethe, Mhlekazi!
Hayi uyolo lomntu omthobelayo uNdikhoyo,
oyilangazelelayo imiyalelo yakhe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela