DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Disemba 2016)

2016 Disemba 31, Mgqibelo

Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.

2016 Disemba 30, Lwesihlanu

UThixo wayewayeke ngabom loo maxesha apho abantu babengazi. Kungokunje uyalela abantu bonke, ezindaweni zonke, ukuba baguquke ezindleleni zabo ezimbi.

2016 Disemba 29, Lwesine

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

2016 Disemba 28, Lwesithathu

UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.”

2016 Disemba 27, Lwesibini

Sinalo ke uthando kuba thina sathandwa nguThixo kuqala.

2016 Disemba 26, Mvulo

Ulogxoth' izono zithi qelele kuthi
njengempumalanga nentshonalanga.

2016 Disemba 25, Cawe

Makadunyiswe uThixo kweliphezulu,
kube luxolo emhlabeni kubantu abamkholisayo.

2016 Disemba 24, Mgqibelo

UJosefu ke waphuma kwelaseGalili, kwidolophu iNazarete, waya kwelakwaJuda, kwidolophu kaDavide eyiBhetelehem, kuba wayengowomlibo kaDavide. Wayesiya kubhalisa, enoMariya owayesendela kuye. Yena wayeselekhulelwe.

2016 Disemba 23, Lwesihlanu

Ndisisicaka sakho, Ndikhoyo, ndikhangele ngobubele;
ndihlangule ezintshabeni zam ngenxa yezibele zakho.

2016 Disemba 22, Lwesine

Ukuba ke uthe wanqula mna Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu.

2016 Disemba 21, Lwesithathu

Maluhlale ngokupheleleyo ezintliziyweni zenu udaba lukaKrestu. Fundisanani, niyalane ngobulali. Culani iindumiso, nihlabele amaculo, nivuma iingoma zoMoya, nibulela uThixo ngentliziyo.

2016 Disemba 20, Lwesibini

Mandikubonge ngomxhelo wam wonke, Ndikhoyo,
ndibalise ngayo yonke imimangaliso oyenzileyo.

2016 Disemba 19, Mvulo

Yonke into enimelwe kukuyenza yenzeni ngaphandle kokukhalaza nokuxambulisana, niziphathe nyulu ningenagxeke, njengosapho lukaThixo olungabekwa bala phakathi kwabantu abakhohlakeleyo beli phakade. Khanyani phakathi kwabo njengeenkwenkwezi zikhanya esibhakabhakeni, nibanika iindaba zobomi.

2016 Disemba 18, Cawe

Ndikhoyo, wena unguThixo wam;
ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
Kuthi mandikutyibele ndibongisele
ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
kaloku ngokuthembeka okukhulu
wena zonke uzifezekisile –
nditsho izicwangciso zakho zamandulo.

2016 Disemba 17, Mgqibelo

Kaloku ubutyebi busuka buthi shwaka ngephanyazo;
ungáde ucinge ukuba busuke bantshula amaphiko bantinga njengokhozi.

2016 Disemba 16, Lwesihlanu

Kwinto yonke yibani ngcwele. Kaloku uThixo onibizileyo ungcwele.
Kanti ke neziBhalo zitsho ukuthi: “Yibani ngcwele, ngokuba mna ndingcwele.”

2016 Disemba 15, Lwesine

Niyabona, uNdikhoyo uba nani xa nani ningakuye. Xa nizondelela ukumfuna nomfumana; kodwa ke xa nithe namshiya, naye wonishiya.

2016 Disemba 14, Lwesithathu

Kaloku uNdikhoyo uyakuthanda okulungileyo;
akayi kubafulathela abantu bakhe.
Wasoloko ebakhusela uNdikhoyo,
kodwa yona inzala yamatshijolo iyanqunyulwa.

2016 Disemba 13, Lwesibini

Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando alunamona, alugwagwisi, lungakhukhumali. Uthando alugezi, alufuni okukokwalo, alunachuku, alunanzondo.

2016 Disemba 12, Mvulo

Lowo usisicaka sam makandilandele, abe kunye nam apho ndikhoyo. Osisicaka sam ke uya kunikwa imbeko nguBawo.

2016 Disemba 11, Cawe

Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;
ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.
Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,
atsho omelezeke amathambo akho.

2016 Disemba 10, Mgqibelo

Kananjalo nabani na othe wabiza igama leNkosi uya kusindiswa.

2016 Disemba 9, Lwesihlanu

Yondikhusela iNkosi kulo naliphi na ilinge lokundenzakalisa. Yondikhusela ndide ndifike kulawulo lwayo ezulwini. Huntshu-u-u! Mayibongwe iNkosi ngonaphakade! Amen.

2016 Disemba 8, Lwesine

Ngoko ke ndiya kulandelwa kokulungileyo nabububele,
umzi wakho ube likhaya lam yonke imihla yobomi bam.

2016 Disemba 7, Lwesithathu

Makungabikho bani ufuna ukulungelwa yedwa; elowo makakhathalele nokwabanye.

2016 Disemba 6, Lwesibini

Ngoku ke sendiza kufa. Nazi mhlophe ezintliziyweni zenu nasemiphefumlweni yenu ukuba akukho nanye into ayithembisileyo angayenzanga uNdikhoyo; ewe, akukho nanye into ayithethileyo angayiphumelelisanga.

2016 Disemba 5, Mvulo

Kulungile ukuzuza ubulumko kunokufumana igolide;
kungcono ukukhetha ulwazi kunokwamkela isiliva.

2016 Disemba 4, Cawe

Kuthi mnye uThixo. Yena nguThixo uYise owadala izinto zonke, esikholo yena thina. Inye kuthi neNkosi. Yona nguYesu Krestu, ezabakho ngaye zonke izinto, esikho ngaye nathi.

2016 Disemba 3, Mgqibelo

Ngoko ke makungabikho bani unixoxisayo ngento emaniyitye, okanye niyisele, nangemisitho yokuthwasa kwenyanga neyoMhla wokuPhumla. Ezi zinto zazisisithunzi nje sento eyayilindelekile – inkqu yayo nguKrestu.

2016 Disemba 2, Lwesihlanu

Ngenene uThixo uyasithamsanqela;
ngamana lamthobela ihlabathi jikelele.

2016 Disemba 1, Lwesine

Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto zalo ngokunjalo. Nabani na olithandayo eli hlabathi akazani nothando lukaThixo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Anazi na ukuba imizimba yenu yindlu kaMoya oyiNgcwele, ahlala kuyo, evela kuThixo? Kaloku aningobenu; ningabakaThixo owanithenga ngexabiso elikhulu. Mdumiseni ke uThixo ngemizimba yenu.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela