DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Novemba 2016)

2016 Novemba 30, Lwesithathu

Ewe, ezi mbandezelo zexeshana, zincinane zinjalo, zisilungiselela iwonga laphakade, elingenakulinganiswa nazo.

2016 Novemba 29, Lwesibini

Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,
kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.

2016 Novemba 28, Mvulo

Ngoku ke, ukuba niyandithobela, nenze ngokomnqophiso wam, niya kuba ngabantu bam ncakasana. Kaloku lelam ihlabathi liphela.

2016 Novemba 27, Cawe

Ukuba niyazithoba kuye uThixo, uya kuniphakamisa.

2016 Novemba 26, Mgqibelo

Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,
ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:
“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”
wandixolela wena ityala lam.

2016 Novemba 25, Lwesihlanu

Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo, nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.

2016 Novemba 24, Lwesine

Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.

2016 Novemba 23, Lwesithathu

Umntu onengqondo uyayiphulaphula imiyalelo;
kambe ke sona isityhakala esilavuzayo siya kubhanga.

2016 Novemba 22, Lwesibini

Vuyani maxa onke, nithandaze njalo-njalo. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.

2016 Novemba 21, Mvulo

Kambe ke mna ndijonge kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.
UThixo wam yena uya kundiva.

2016 Novemba 20, Cawe

Ndikhokelele enyanisweni yakho, undifundise.
Kaloku nguwe, Thixo, umkhululi wam;
ndihleli ndikulindele imini yonke.

2016 Novemba 19, Mgqibelo

UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ukuba aniphulaphuli nizimisele ngeentliziyo zenu ukulihlonela igama lam, ndiya kunithumela ishwangusha, nentsikelelo yenu ndiyenze ibe lishwangusha. Ngenene sendiqalile ukunishwabulela ngenxa yokuba ningazimiselanga ukundihlonela ngeentliziyo zenu.”

2016 Novemba 18, Lwesihlanu

Zinikele eNkosini uYesu; uya kusindiswa wena nosapho lwakho.

2016 Novemba 17, Lwesine

Ndikholosa ngawe usemazulwini;
ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi.

2016 Novemba 16, Lwesithathu

Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu, kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.

2016 Novemba 15, Lwesibini

Umoya wam uthi: “Isabelo sam nguNdikhoyo;
ngako oko ndiya kukholosa ngaye.”

2016 Novemba 14, Mvulo

Amazwi axolelanisayo angumthi wobomi;
ke wona awenkohlakalo ayawaphula umoya.

2016 Novemba 13, Cawe

Uthembekile uThixo, yena wanibizayo ukuba nibe nobudlelane noNyana wakhe uYesu Krestu iNkosi yethu.

2016 Novemba 12, Mgqibelo

Ke kuni, nina balihlonelayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma linempilo emaphikweni alo. Niya kukhululeka nidlobe njengamankonyana ephuma esibayeni.

2016 Novemba 11, Lwesihlanu

Mfo wam, musa ukuyidela ingqeqesho kaNdikhoyo,
ungasicekisi isiluleko sakhe.
Kaloku uNdikhoyo uyamluleka umntu amthandayo,
kwanjengokuba uyise emohlwaya unyana anebhongo ngaye.

2016 Novemba 10, Lwesine

Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha. Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.

2016 Novemba 9, Lwesithathu

Kuvumeni nikwamkele ukuba uNdikhoyo unguThixo wamazulu nehlabathi. Akukho Thixo wumbi ngaphandle kwakhe.

2016 Novemba 8, Lwesibini

Rhuma ngobuncwane bengeniso yakho, uzimase uNdikhoyo;
ewe, menzele umnikelo ngolibo lwemveliso yakho.

2016 Novemba 7, Mvulo

Masitsho singenadyudyu ke sithi:
“YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto!
Angandenza ntoni umntu?”

2016 Novemba 6, Cawe

Ubani unokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum.” Ewe, kunjalo, kodwa azikulungelanga zonke. Nam bendinokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum;” kodwa ngekhe ndinikezele ukuze ndilawulwe nayiyiphi na into.

2016 Novemba 5, Mgqibelo

Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,
kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo.

2016 Novemba 4, Lwesihlanu

Wathi uThixo makubekho ukukhanya. Kwabakho ukukhanya.

2016 Novemba 3, Lwesine

Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo.

2016 Novemba 2, Lwesithathu

Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;
ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.
Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;
kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe.

2016 Novemba 1, Lwesibini

Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela