DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Okthoba 2016)

2016 Okthoba 31, Mvulo

Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo.

2016 Okthoba 30, Cawe

Umntu onomonde uba nengqiqo;
kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge.

2016 Okthoba 29, Mgqibelo

Othe wakholwa kuNyana, unobomi obungonaphakade. Othe akamthobela uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihlala ihleli phezu kwakhe.

2016 Okthoba 28, Lwesihlanu

Nabani na ozigqatsayo kukhuphiswano uba phantsi kwengqeqesho engqongqo. Le nto uyayinyamezela khon' ukuze afumane isithsaba esibunayo. Kodwa thina siyenza siza kuzuza isithsaba esingagugiyo.

2016 Okthoba 27, Lwesine

Wena uyinqaba endizifihla kuyo;
uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili.

2016 Okthoba 26, Lwesithathu

Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,
lowo ukholosa ngaye!
Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,
ongcambu zinabela emanzini.
Awoyiki naxa ilanga lishushu;
amagqabi awo ahlala eluhlaza.
Ngexesha lembalela awunaxhala;
uhlala uvelisa iziqhamo.

2016 Okthoba 25, Lwesibini

Akukho mntu unokukhonza iinkosi ezimbini, kuba uya kuyithiya le, ayithande leya, okanye abambelele kule, ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.

2016 Okthoba 24, Mvulo

Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo,
aze amhluthise ngokulunga olambileyo!

2016 Okthoba 23, Cawe

Kaloku zange size nanto ehlabathini; ngoko ke siya kumka singaphathanga nto. Kambe ke, ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe.

2016 Okthoba 22, Mgqibelo

Kaloku zonke izinto zeli hlabathi – iinkanuko zesimo esonakeleyo, ukubawa, namagugu obu bomi – aziveli kuThixo, koko zizinto zeli hlabathi.

2016 Okthoba 21, Lwesihlanu

Ukumthobela uNdikhoyo kukubuthiya ububi.
Yiloo nto ndikuchasileyo ukuzigwagwisa,
ikratshi, ukungabi nasimilo, kunye nentetho egwenxa.

2016 Okthoba 20, Lwesine

Ungasiyekeli ekulingweni,
koko sihlangule kumtyholi;
kuba ngenene nguwe olawulayo,
namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.

2016 Okthoba 19, Lwesithathu

Ewe, umthàmbo owenzelwa ukolula amalungu omzimba unendawo yawo. Kodwa ke uphelele apho. Kanti kona ukukhonza uThixo kunenzuzo egqithileyo, kuba akuthembisi bomi balapha kuphela, kuthembisa nobelizayo.

2016 Okthoba 18, Lwesibini

Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.
Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
ube negama elihle kuThixo nasebantwini.

2016 Okthoba 17, Mvulo

Udumo lukaBawo luyatshatshela xa nivelisa iziqhamo ezininzi, nisenjenjalo kuba ningabafundi bam.

2016 Okthoba 16, Cawe

Ke uNehemiya wathi kubo: “Hambani niyokutya izimuncu-muncu, ukutya okumnandi neziselo, nide niphe nâbo bangenakutya. Le yimini ekhethekileyo yeNkosi yethu. Ngayo musani ukuba lusizi; kaloku uNdikhoyo uza kunomeleza ngovuyo lwakhe.”

2016 Okthoba 15, Mgqibelo

Khawundisekele ngokwesithembiso sakho,
ungandiyekeli ndonganyelwe bububi.

2016 Okthoba 14, Lwesihlanu

Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.

2016 Okthoba 13, Lwesine

Kaloku wonke umntwana kaThixo uyaloyisa eli hlabathi. Ke kaloku ihlabathi siloyisa ngokukholosa ngoThixo.

2016 Okthoba 12, Lwesithathu

Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo;
umntu omaziyo oyiNgcwele kanye uzuza ingqiqo.

2016 Okthoba 11, Lwesibini

Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.

2016 Okthoba 10, Mvulo

Ndiyabuya; andiyi kunishiya niziinkedama.

2016 Okthoba 9, Cawe

Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfuneni aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.

2016 Okthoba 8, Mgqibelo

Iingqondo zenu zimiliseleni kwizinto zaphezulu, kungabi kwizinto zalo mhlaba.

2016 Okthoba 7, Lwesihlanu

Usixolele amatyala ethu,
njengokuba nathi sibaxolela abasonayo.

2016 Okthoba 6, Lwesine

UNdikhoyo unenceba nesisa;
uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele.

2016 Okthoba 5, Lwesithathu

Andiyishiyanga imiyalelo yemilebe yomlomo wakhe;
andenzanga ngokufuna kwam, koko ndiwathobele amazwi akhe.

2016 Okthoba 4, Lwesibini

Yahlukanani nemikhwa emibi nehambo engcolileyo. Mlulameleni uThixo, namkele ilizwi lakhe alifake kuni ezintliziyweni. Lilo elinamandla okunisindisa.

2016 Okthoba 3, Mvulo

Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye.

2016 Okthoba 2, Cawe

Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.

2016 Okthoba 1, Mgqibelo

Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela