DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Disemba 2022)

2022 Disemba 31, Mgqibelo

Musa ukujika-jika uye ngasekunene nangasekhohlo;
unyawo lwakho malubucezele ububi.

2022 Disemba 30, Lwesihlanu

Eli lilizwi likaNdikhoyo kuZerubhabheli: ‘Akungabukroti, kungengawo namandla, kodwa kungoMoya wam kuphela,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.

2022 Disemba 29, Lwesine

Ewe kambe, unqulo luyamtyebisa umntu ukuba uyaneliswa zezo zinto anazo.

2022 Disemba 28, Lwesithathu

Oyena ndoqo wodaba lwakho yinyaniso;
xa zizonke izigqibo zakho soze zithini.

2022 Disemba 27, Lwesibini

Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.

2022 Disemba 26, Mvulo

Nabu ke obo bungqina: bukukuba uThixo usinike ubomi obungenasiphelo, bomi obo sibuzuza ngokumanywa noNyana.

2022 Disemba 25, Cawe

Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;
kaloku thina silizwe ngonyana.
Nguye ke oya kulawula.
Ke yena wothiywa igama kuthiwe
nguMcebisi omangalisayo,
uThixo oligorha,
uSonini-nanini,
iTshawe loxolo.

2022 Disemba 24, Mgqibelo

Saphendula isithunywa sathi kuye: “UMoya oyiNgcwele uya kuhlela kuwe, athi amandla kaThixo uPhezukonke akufukamele. Kungoko loo mntwana ungcwele uya kuzalwa nguwe kuya kuthiwa nguNyana kaThixo.”

2022 Disemba 23, Lwesihlanu

Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.

2022 Disemba 22, Lwesine

Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;
velana nathi usisindise!

2022 Disemba 21, Lwesithathu

Ekuqaleni, kungekadalwa, wayeselekho uLizwi. ULizwi lo wayekunye noThixo, naye ngokwakhe enguThixo.

2022 Disemba 20, Lwesibini

Osisilumko uya kuziqonda ezi zinto;
oqaphelayo uya kukwazi oku.
Iindlela zikaNdikhoyo zithe ngqo.
Ke amalungisa ahamba ngazo;
ke bona abakreqi ziyabakhubekisa.

2022 Disemba 19, Mvulo

Sendingxamile, andisayi kulibazisa;
ndozithobela iziyalo zakho.

2022 Disemba 18, Cawe

Ikho indawo kowethu. Ukuba bekungenjalo ngendingàtsho ukuthi ndiya kunilungiselela indawo.

2022 Disemba 17, Mgqibelo

Musa ukuthi: “Bekungani ukuba imihla yamandulo ibe ngcono kunale yangoku?”
Kaloku ayibubo ubulumko ukubuza umbuzo onjalo.

2022 Disemba 16, Lwesihlanu

Khawukhangele ukubukeka nomkhitha
wokuhlala kwezalamane ngemvano!

2022 Disemba 15, Lwesine

Waza ke uPetros wagcinwa entolongweni apho, kodwa amaKrestu wona azingisa ukumthandazela kuThixo, lo gama avalelweyo.

2022 Disemba 14, Lwesithathu

“Yahlukanani ke nazo ezo zithixo zasemzini ninazo,” watsho uYoshuwa, “nize ke nizinikele ngomxhelo wonke kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli.”

2022 Disemba 13, Lwesibini

Umntu onobugwenxa udala ingxabano;
umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo.

2022 Disemba 12, Mvulo

Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.

2022 Disemba 11, Cawe

Musani ukuzilinganisa nizifanise nabantu abangakholwayo, kuba àyenziwa loo nto. Ingádibana njani into elungileyo nengalunganga? Kungahlala njani ukukhanya ndawonye nobumnyama?

2022 Disemba 10, Mgqibelo

Xa ndandisebunzimeni ndabhenela kuNdikhoyo,
waza yena wasabela wandihlangula.

2022 Disemba 9, Lwesihlanu

Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’”

2022 Disemba 8, Lwesine

Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.

2022 Disemba 7, Lwesithathu

Musa ukuziqoba amandla ufunana nobutyebi,
ungaphulukani nengqondo yakho ngenxa yabo.

2022 Disemba 6, Lwesibini

Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe?

2022 Disemba 5, Mvulo

Bayale abantu abanobutyebi beli hlabathi bangaziphakamisi baqamele ngento engaqinisekanga njengemali, koko mabathembele kuThixo, kuba yena unezinwe, unako ukusenza sixhamle zonke izinto sonwabile.

2022 Disemba 4, Cawe

Ndomombelel' uNdikhoyo lo gama ndisaphilayo,
ndimbong' uThixo wam lo gama ndisadl' ubomi.

2022 Disemba 3, Mgqibelo

Njengoko uYihlo osezulwini anothando olugqibeleleyo, nani yibani ngabagqibeleleyo.

2022 Disemba 2, Lwesihlanu

Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungisa.

2022 Disemba 1, Lwesine

Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfunen' aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,
akulondoloze.
Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,
usixhamle isisa sakhe.
Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,
akwambathise uxolo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela